Isaiah 58:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oko kuya kugqabuka ukukanya kwako njengokusa, nokupila kwako kuya kuhluma kamsinyane; kanjalo ubulungisa bako bohamba pambi kwako; ubungcwalisa bukayehova bokubuta ngasemva.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kwandula ke ukukhanya kwakho kuthi qhiphu njengokusa, kuhlume kamsinya ukupholiswa kwakho, buhambe phambi kwakho ubulungisa bakho, buqoshelise emva kwakho ubuqaqawuli bukaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kwandula ke ukukhanya kwakho kuphume njengokusa, buhlume kamsinya ubomi bakho; nobulungisa bakho buya kuhamba phambi kwakho; Uzuko lukaYehova luya kuba ngumvuzo wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nam ke ndotsho ndiyenze mhlophe indlela yenu; nezifo zenu ndozinyanga ngokukhawuleza. Ewe, impumelelo yakho iya kukukhokela, ubungangamsha bukaNdikhoyo bukuphahle ngeenxa zonke.