Isaiah 59:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba izigqito zetu zininzi pambi kwako, nezono zetu zinqi̔na ngakuti; ngokuba izigqito zetu zinati, nezikohlakalo zetu siyazazi:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba zininzi izikreqo zethu phambi kwakho, nezono zethu ziyangqina ngathi; kuba izikreqo zethu zinathi, nobugwenxa bethu siyabazi:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yokuba izikreqo zethu zibe zikhulu phambi kwakho, nezono zethu ziphezu kwethu, ngenxa yokuba izikreqo zethu zinathi; kwaye siyabazi ubugwenxa bethu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndikhoyo, sikone ngokuphinda-phindeneyo; izono zethu nâzo zisimangalela. Ewe, ngenene singabakreqileyo; siyabuqonda yaye sibuvuma ubugwenxa bethu.