Isaiah 59:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ewe, inyaniso ayibonakali, nalowo upambukayo kokubi, uyazenza into yokupangwa. Wati uyehova wabona, kwaza kwakubi emehlweni ake, ngokuba kungeko bugwebo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yesuka yasweleka inyaniso, nocezayo ebubini wazibhunyulisa. Wabona ke uYehova, kwakubi emehlweni akhe, ukuba kungekho okusesikweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ewe, inyaniso iyakhanyelwa; otyekayo ebubini uya kuba lixhoba lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, inyaniso yafuduka mpela-mpela; oshiy' ububi uzibhaqa elixhoba.” Akukhangela *uNdikhoyo suka wakhathazeka akubona umthetho unyathelwa ngeenyawo.