Isaiah 59:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayebona ukuba akuko mntu, wati nqa ukuba akuko mteteleli; ngako eyake ingalo wamenzela usindiso, nobulungisa bake bona bamsekela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabona ukuba akukho mntu, wamangaliswa ukuba kungekho mthandazeli; yaza yamsindisela ingalo yakhe, nobulungisa bakhe bona bamxhasa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi akubona ukuba akukho mntu, wamangaliswa ukuba kungekho mntu; ke ngoko, isandla sakhe samzisela usindiso; nobulungisa bakhe bamxhasa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akukhangela akabonanga mncedi konke, suka wakhathazeka kwakungabikho mlamli. Ngoko ke suka waxhabasha ngamandla akhe asindisayo, ukuze azuze uloyiso ngobulungisa bakhe.