Isaiah 59:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baya kwandula boyike igama likayehova entshonalanga, nobungcwalisa bake kwa sekupumeni kwelanga: nxa utshaba luya kuza njengomlambo, umoya kayehova wopakamisa ibanile ngakulo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kuloyika igama likaYehova entshonalanga, baboyike ubuqaqawuli bakhe empumalanga; kuba uya kuza njengomlambo oxineneyo, obalekiswa ngumoya kaYehova;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya kuloyika ke igama likaYehova entshonalanga, nozuko lwakhe empumalanga. Xa utshaba lusiza njengonogumbe, uMoya kaYehova uya kuluphakamisela ibhanile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Entshonalanga bonkwantya besoyika uNdikhoyo, lufikelele nasempuma udumo lwakhe. Ekuhlaseleni kotshaba oluza ngokomlambo otyhulubayo, uMoya kaNdikhoyo uya kuluswantsulisa.