Isaiah 59:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba mna, olu lucebano lwam nabo, utsho uyehova: umoya wam opezu kwako, namazwi am endiwabekileyo emlonyeni wako, akayi kumka emlonyeni wako, nasemlonyeni wenzalo yako, nasemlonyeni wenzalo yenzalo yako, utsho uyehova, kwa kaloku nje, nakude kube ngunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mna ke nguwo lo umnqophiso wam nabo, utsho uYehova; uMoya wam ophezu kwakho, nelizwi lam endilibeke emlonyeni wakho, aliyi kusuka emlonyeni wakho, nasemlonyeni wembewu yakho, nasemlonyeni wembewu yembewu yakho, utsho uYehova, kuthabathele kweli xesha kude kuse ephakadeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mna ke nguwo lo umnqophiso wam nabo, utsho uYehova; Umoya wam uphezu kwakho, namazwi am endiwabeke emlonyeni wakho, akayi kumka emlonyeni wakho, nasemlonyeni wembewu yakho, nasemlonyeni wembewu yakho, utsho uYehova, kususela ngoku kude kuse ephakadeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo uthi: “Ndiza kwenza umnqophiso nani. Amandla nemfundiso endininike yona yohlala iyeyenu; ngokunjalo ke ukusukela ngoku ngamana nandithobela, nide nifundise nesizukulwana senu, khon' ukuze naso sindithobele kude kuye ephakadeni.”