Isaiah 6:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndati: Au mna! sendibuba; ngokuba ndingumntu omlomo unco̔lileyo, ndihleli nje pakati kwabantu abamilomo inco̔lileyo kanjalo; ngokuba amehlo am ebonile ukumkani, uyehova wemikosi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathi, Athi ke mna! Ngokuba ndithe shwaka, ngokuba ndiyindoda emlomo uyinqambi; ndihleli phakathi kwabantu abamilomo iyinqambi; ngokuba amehlo am abone ukumkani, uYehova wemikhosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndaza ndathi: “Yeha ke mna! ngokuba nditshatyalalisiwe; kuba ndiyindoda enemilebe emdaka, kwaye ndihlala phakathi kwabantu abanemilebe emdaka; ngokuba amehlo am abone iNkosi, uYehova wemikhosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Suka ke mna ndadanduluka ndathi: “Athi ke mna, mntu uludwayi! Kuxa bendingubani kakade ndingumfi nje! Kaloku nokuthetha kwam kuvuza ukona, ibe ke ndimi phakathi kwabantu abathi bakuthetha kurhuq' ukona. Kambe ke naxa kunjalo, uKumkani onguNdikhoyo uSomandla-onke ndimbone ngala wam amehlo!”