Isaiah 60:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo abasemzini baya kwaka indonga zako, nokumkani babo bokukonza; ngokuba ngomsindo wam ndikubetile, kodwa ngembuko yam ndoba nezibele kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oonyana bolunye uhlanga baya kuzakha iindonga zakho, ookumkani babo bakulungiselele; kuba ndikubethe ndinoburhalarhume, kodwa ndaba nemfesane kuwe ndinetarhu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iintlanga ziya kuzakha iindonga zakho, ookumkani bazo bakukhonze; kuba ndikubethe ndinomsindo, kodwa ndaba nenceba kuwe ngokuthanda kwam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
KwiJerusalem ke uNdikhoyo uthi: “Iindonga zakho zokwakhiwa ziintlanga, izikumkani zazo ke zona zikuququzelele. Kuba kaloku ndanohlwaya ngomsindo, ke ngoku ndiyimvuze-mvuze ngobubele.