Isaiah 60:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ubungcwalisa be‐Lebanone boza kuwe, umti weberoshe, nowetidara, nowetashure kwa kunye; kuze kuhonjwe indawo eyingcwele yam; nendawo yenyawo zam ndoyenza bungcwalisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubuqaqawuli beLebhanon buya kuza kuwe, umsipres nompleyini nomgalagala ndawonye, ukuze ihombe indawo yengcwele yam, ndiyizukise indawo yeenyawo zam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ubuqaqawuli beLebhanon buya kuza kuwe, umsipres, umpayini netyeya kunye, ukuze ihombise indawo yengcwele yam; kwaye ndiya kuyenza ngcwele indawo yeenyawo zam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Iqhayiya lamahlathi aseLebhanon loza kuwe, imithi yesipresi, umpleyini, nompayini, yoziswa kuhonjiswe ngayo indlu kaThixo, ukuze umzi wakhe undiliseke.