Isaiah 60:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Boti nonyana bababandezeli bako beze kuwe ngokuguqa; nabo bonke ababekudela boziqubuda ngasemizantsini zenyawo zako; babeya kukubiza ngokuti, sisixeko sikayehova, yi‐Ziyone, yoyingcwele ka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kuza kuwe besibekeka oonyana babacinezeli bakho, baqubude ezintendeni zeenyawo zakho abakugibayo; ukukubiza bathi, Mzi kaYehova, Ziyon yoyiNgcwele kaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana babacinezeli bakho baya kuza kukuphulaphula; Baya kuqubuda ezinyaweni zakho bonke abakugibayo; yaye baya kuyibiza ngokuba sisiXeko sikaYehova, iZiyon yaLowo Ungcwele kaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baya kuza abo babekade bekucinezela, bafike bakhahlele babuse kuwe. Nabo bonke abebekade bekudelile baya kuwisa kuwe bekhahlela, besithi wena usisixeko sikaNdikhoyo, iZiyon kaYedwa kaSirayeli.