Isaiah 60:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ekubeni ubushiyiwe watiywa, kwada akwabiko mntu obecanda kuwe, sendiya kukwenza indluliselo engunapakade, uvuyiso lwezizukulwana ngezizukulwana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Esikhundleni sokuba ubushiyiwe, uthiyiwe, akwabakho bani ucanda kuwe, ndiya kukwenza ke ingangamsha engunaphakade, imihlali yezizukulwana ngezizukulwana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba uthe wacekiswa, wathiywa, akwadlula bani kuwe, ndiya kukwenza isihomo esingunaphakade, esiyolisayo kwizizukulwana ngezizukulwana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nangona ushiyiwe uthiyiwe, kungasekho bani udlulayo, ndiya kukwenza iqhayiya laphakade, uvuyo lwezizukulwana ngezizukulwana.