Isaiah 60:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wauya kwanya amasi abaheyideni; ewe, ibele labo okumkani uya kulanya; wauya kwazi ukuba mna Yehova ndingumsindisi wako, nomkululi wako, usomandla ka‐Yakobi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uya kwanya amasi eentlanga, wanye ibele lokumkani, wazi ukuba mna Yehova ndinguMsindisi wakho, uMkhululi wakho, iMbalasane kaYakobi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kwanya amasi eentlanga, wanye ibele lokumkani; wazi ukuba mna Yehova ndinguMkhululi wakho, uMkhululi wakho, ingxolo kaYakobi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izizwe nezikumkani ziya kukuququzelela, zifane nomfazi okhulisa usana lwakhe. Nawe ke uya kutsho uqonde ukuba ndim mna Ndikhoyo okusindisileyo, wazi ukuba ngenene ukhululwe yiNgangalala enguThixo kaYakobi.