Isaiah 60:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ilanga aliyi kubuya libe sisikanyiso kuwe ngemini; kanjalo inyanga ayiyi kukukanyisa ngenkazimlo; ngokuba uyehova eya kuba sisikanyiso esingunapakade kuwe, notixo wako woba bubuhle bako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ilanga aliyi kuba saba sisikhanyiso kuwe emini, nenyanga ingakukhanyiseli, ukuze kube mhlophe kuwe; uYehova uya kuba sisikhanyiso esingunaphakade kuwe, uThixo wakho abe sisihombo sakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ilanga aliyi kuba saba sisikhanyiso kuwe emini; nenyanga ayiyi kukukhanyisela ngenxa yozuko, kodwa uYehova uya kuba sisikhanyiso sakho esingunaphakade, uThixo wakho abe luzuko lwakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emini awusayi kukhanyiselwa lilanga; ebusuku alisayi kubakho ilitha lenyanga; koko wokhanyiselwa bubungangamsha bam; mna Ndikhoyo ndokukhanyisela ngonaphakade.