Isaiah 60:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, bona ke, ubumnyama bogubungela umhlaba, nesitokotoko abantu; kodwa pezu kwako uyehova uya kupuma, nobungcwalisa bake bobonakala pezu kwako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba, uyabona, ubumnyama buwugubungele umhlaha, isithokothoko sizigubungele izizwe; ke kuwe uYehova uthe chapha, ubuqaqawuli bakhe bubonakele phezu kwakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba, uyabona, ubumnyama buya kuwugubungela umhlaba, nobumnyama beentlanga; kodwa uYehova uya kubonakala kuwe, bubonakale ubuqaqawuli bakhe phezu kwakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nâbo ubumnyama phezu kwehlabathi; umnyam' ombonde-mbonde uvalel' izizwe. Kodwa ke uNdikhoyo uyakukhanyisela; ukukhanya kwesihomo sakhe kuphezu kwakho.