Isaiah 60:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ilanga lako aliyi kubuya litshone, nenyanga yako ayiyi kuselwa; ngokuba uyehova eya kuba sisikanyiso esingunapakade kuwe, iti imihla yokulila kwako ibe nokupela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aliyi kuba satshona ilanga lakho, ingafi nenyanga yakho;kuba uYehova uya kuba sisikhanyiso esingunaphakade kuwe, zizaliseke iimini zesijwili sakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ilanga lakho aliyi kuba satshona; nenyanga yakho ayisayi kubakho, ngenxa yokuba uYehova uya kuba sisikhanyiso esingunaphakade kuwe, ziphele iintsuku zesijwili sakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Awusayi kuphinda utshonelwe langa, nenyanga ayisayi kubuya iphele; uNdikhoyo wokukhanyisela nanini-nanini, ingaze ibuye ibekho imihla yesingqala.