Isaiah 60:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nabantu bako, bona bonke boba ngabalungileyo; bolidla ilifa lelizwe ngonapakade; isebe lokutyala kwam, umsebenzi wezandla zam, ukuba ndenzelwe ubungcwalisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abantu bakho bayakuba ngamalungisa bonke bephela, balidle ilifa ilizwe ngonaphakade; besisithole esityelwe ndim, isenzo sesandla sam sokuba ndihombe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke abantu bakho bayakuba ngamalungisa, balidle ilifa ilizwe ngonaphakade, behlume lesityalo sam, umsebenzi wezandla zam, ukuze ndihombe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu bakho boba ngabalungileyo, umhlaba bawume kude kube ngunaphakade. Bona basisithole esimiliselwe ndim; ewe, bangumsebenzi wezandla zam, ukuze babhengeze udumo lwam jikelele.