Isaiah 60:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Pakamisa amehlo ako ngento engqongayo, ukangele; bona bonke bayazihlanganisa, bayeza kuwe: onyana bako bovela kwa kude, nentombi zako ziya kubelekwa ecaleni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Phakamisa amehlo akho ngeenxa zonke, ubone; bonke bephela bayahlanganisana, baza kuwe; oonyana bakho bavela kude, neentombi zakho zibelekwe ephangweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Phakamisa amehlo akho ezindaweni zonke, ubone; bonke bayahlanganisana, besiza kuwe; oonyana bakho bavela kude, neentombi zakho zidilize ngakuwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khawubheka-bheke ude uqwalasele; bonke bayaqokelelana, bayeza! Oonyana beza bevel' ekudeni; iintombi zona ziza zisingathiwe.