Isaiah 60:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oko uya kukangela, ukanyiswe ke; intliziyo yako iya kuntontoza, yande; ngokuba ubuninzi bolwandle buya kuguqulelwa kuwe, ubutyebi babaheyideni bofika kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uya kwandula ukubona, ukhazimle, inkwantye yande intliziyo yakho; ngokuba iya kuguqulelwa kuwe intabalala yolwandle, ubutyebi beentlanga buya kuza kuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kwandula ke ubone, ugqabhuke kunye, yoyike intliziyo yakho, yande; ngokuba ubutyebi bolwandle buya kubuyela kuwe, nobutyebi beentlanga buya kuza kuwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wothi ungabona, utsho ube nemihlali; uya kutsho uhlasimle kukuchulumacha. Kaloku ubutyebi bezizwe boza kuwe; ubutyebi bothi gqi naphesheya kweelwandle.