Isaiah 60:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ingxokolo yenkamela yokugubungela, inkamela ezintsha zase‐Midiyane ne‐Hefa; ezase‐Sheba ziya kuza zonke; igolide nentlakamhlope zozitwala, nendunyiswa zikayehova ziya kuzishumayela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Inkitha yeenkamela iya kukugubungela, amagobo akwaMidiyan nawakwaEfa, bonke bephela baya kuza bevela kwaShebha, bezisa igolide nentlaka emhlophe, beshumayela iindaba ezilungileyo zeendumiso zikaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Inkitha yeenkamela iya kukugubungela, iinkamela zamaMidiyan nezakwaEfa; wonke uShebha uya kuza; baya kuzisa igolide nesiqhumiso; yaye baya kuxela iindumiso zikaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ilizwe lozala yimihlambi yeenkamela namankonyane aseMidiyan naseHefa. NabaseShebha baya kuza begxalathelana, bepheth' igolide kunye nesiqhumiso, bebhengeza bedumisa uNdikhoyo.