Isaiah 61:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, njengokuba umhlaba uvelisa ukucu̔ma kwawo, nanjengokuba umyezo uhlumisa okuhlwayelweyo kuwo, kwa njalo inkosi e nguyehova iya kuhlumisa ubulungisa nendumiso pambi kwezizwe zonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba njengoko ilizwe livelisa izilimo zalo, njengoko umyezo untshulisa intlwayelelo yawo, yenjenjalo iNkosi uYehova ukuntshulisa ubulungisa nendumiso phambi kweentlanga zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba njengoko ilizwe livelisa iimbewu zalo, njengoko umyezo otyalwe kuwo ukhula; ngoko iNkosi uYehova iya kuzisa ubulungisa nendumiso phambi kweentlanga zonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwanjengokuba umhlaba uyintshulisa imbewu, zitsho zikhule nezityalo ezisemyezweni, noMhlekazi uNdikhoyo wotyala ubulungisa nendumiso, zintshule zikhule kuzo zonke izizwe.