Isaiah 61:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukumisela abo balilayo e‐Ziyone umgcobo; ukubanika ubuhle endaweni yotutu, ioli yovuyo endaweni yolilo, isambato sodumo endaweni yomoya wokuncama; ukuba babizwe ngokuba yimiti yobulungisa, isityalo sikayehova; ukuze enzelwe ubungcwalisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukubamisela abanesijwili baseZiyon, ukubanika isihombo sentloko esikhundleni sothuthu, ioli yemihlali esikhundleni sesijwili, ingubo yendumiso esikhundleni somoya odambayo;ukubizwa kwabo kuthiwe yimiterebhinti yobulungisa, isityalo sikaYehova sokuhomba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba abekwe eZiyon amalungisa, ukuba anikwe uzuko esikhundleni sothuthu, neoli yemihlali esikhundleni sesijwili, ingubo yendumiso esikhundleni somphefumlo odakumbileyo; ukubizwa kwabo kuthiwe yimithi yobulungisa, etyelwe nguYehova, ukuze kuzukiswe yena.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ewe, abo banesingqala eZiyon mandibathi jize ngesithsaba endaweni yezimnyama, intambiso yolonwabo endaweni yokulila, ndibathi wambu ngengoma yochulumacho endaweni yomva-ndedwa. Kaloku bona kothiwa bayimithi yobulungisa, imithi etyalwe nguNdikhoyo ngokwakhe, ukuze baphuhlise isihomo sakhe.