Isaiah 61:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa nina, niya kubizwa ngokuba ngabaperisite bakayehova; kwotiwa ningabakonzi botixo wetu; ubutyebi babaheyideni niya kubudla, nasebungcwaliseni babo niya kuqa̔yisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke nina ukubizwa kwenu, kuya kuthiwa ningababingeleli bakaYehova; kuya kuthiwa kuni, ningabalungiseleli boThixo wethu; niya kudla ubutyebi beentlanga, nindolose ninozuko lwazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke nina ukubizwa kwenu, kuya kuthiwa ningababingeleli bakaYehova; abantu baya kunibiza ngokuba ningabakhonzi boThixo wethu; niya kudla ubutyebi beentlanga, nibe nozuko nozuko lwazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke nina noba ngababingeleli bakaNdikhoyo; niya kuba zizicaka zikaThixo wethu; niya kubuxhamla ubutyebi bezizwe, nitsho nizingce niqhayise ngabo.