Isaiah 61:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Endaweni yokudana kwenu kwoba kukuduma okupindiweyo; na sendaweni yehlazo, baya kugcoba ngesabelwa sabo; ngokuba elizweni labo beya kuzuza ilifa elipindiweyo, uvuyo olungunapakade lwobako kubo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Esikhundleni sokudana kwenu niya kuzuza okuphindiweyo;esikhundleni sehlazo baya kumemelela ngesahlulo sabo; ngako oko baya kudla ilifa eliphindiweyo ezweni labo, baya kuba novuyo olungunaphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yehlazo lenu, niya kwamkela kabini; basidle ilifa isabelo sabo bedidekile; ke ngoko, baya kuba nobutyebi obuphindiweyo ezweni labo; baya kuba novuyo olungunaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Endaweni yokuhlazeka abantu bam bofumana isabelo esiphinda-phindiweyo, endaweni yokunyoshoza bofumana ilifa elonwabisayo; ewe, boba nenxaxheba yelifa eliphinda-phindiweyo kwelakowabo, bahlale ngolonwabo olungasoze luthini.