Isaiah 61:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba mna Yehova ndibutanda ubugwebo, ndiyitiya impango yobumenemene; ndandiya kunika umvuzo wabo ngenyaniso, nocebano olungunapakade ndolwenza nabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba mna, Yehova, ndithanda okusesikweni, ndikuthiyile ukuphanga ngokugqwetha; ndibanika umvuzo womsebenzi wabo ngenyaniso; ndenza umnqophiso ongunaphakade nabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba mna, Yehova, ndithanda ubulungisa, ndikuthiyile ubusela njengomlilo; ndiya kuwumisela ngenyaniso umsebenzi wabo, ndenze umnqophiso ongunaphakade nabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uNdikhoyo uthi: “Mna Ndikhoyo ndithanda impatho enolungelelwano; ndikuthiyile ukuphanga nobubhovu-bhovu. Ndingothembekileyo nje, abantu bam ndobanika umvuzo, ndibenzele umnqophiso ongasoz' uthini.