Isaiah 62:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuyi kubuya kutiwe ngawe, ungoshiyiweyo; nelizwe lako akuyi kubuya kutiwe ngalo, liyingcitakalo: koko uya kubizwa ngokuti, intando yam ikuyo; nelizwe lako ngokuti, ngumfazi otshatileyo: ngokuba uyehova eya kukutanda, nelizwe lako loba litshatile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akuyi kuba sathiwa kuwe unguSishiywa, nelizwe lakho akuyi kuba sathiwa kulo, Kusenkangala; ukubizwa kwakho kuya kuthiwa unguNdimnanzileyo, nelizwe lakho kuthiwe nguNokwenda; ngokuba uYehova ekunanzile, nelizwe lakho lendile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akuyi kuba sathiwa unguLosweli; nelizwe lakho akuyi kuba sathiwa yiNahatoti; ngokuba uYehova ekuvuyele, lithembeke ilizwe lakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akusayi kuthiwa ungumshiywa, umhlaba wakho kuthiwe yinkangala. Kaloku kuya kuthiwa unguKholisile, umhlaba wakho kuthiwe nguManyiwe. Kaloku uNdikhoyo wanelisekile nguwe; wozimanya neli lizwe ngokomyeni.