Isaiah 62:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uyehova ufungile isandla sake sokunene, nengalo yake enamandla, esiti: Andisayi kupinda ndinike inqolowa yako ibe kukutya ezintshabeni zako, kanjalo abolunye uhlanga abasayi kusela iveyine yako, leyo uyisebenzeleyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova ufunge isandla sakhe sokunene, nengalo yakhe eqinileyo, wathi, Inyaniso, ingqolowa yakhe andiyi kuba sayinika iintshaba zakho ziyidle, noonyana bolunye uhlanga bangaseli iwayini yakho entsha, owazixhamla ngayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova ufunge ngesandla sakhe sokunene, nesandla sakhe esithe nkqi, esithi, Andisayi kuba sazinika iintshaba zakho ingqolowa yakhe, ukuba ibe kukudla kwakho; noonyana bolunye uhlanga bafanele bangayiseli iwayini yakho odiniweyo ngayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo ke yena wenze isifungo; ngamandla akhe uya kusifezekisa: “Ingqolowa yakho ayiyi kuphinda ibe sisisulu seentshaba zakho, iintlanga azisayi kuyisela iwayini yakho, yona leyo ubulaleke wedwa ngayo,