Isaiah 63:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko wakumbula imihla yakudala, u‐Mosesi, n abantu bake. Upina lowo owabanyusayo elwandle, kunye nabalusi bomhlambi wake? Upina lowo owabekayo u‐Moya wake oyi‐Ngcwele pakati kwabo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baza abantu bakhe bakhumbula imihla yasephakadeni kaMoses, bathi, Uphi na lo wabanyusa elwandle, ndawonye nomalusi womhlambi wakhe? Uphi na lowo wawubeka phakathi kwabo uMoya wobungcwele bakhe?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wacinga ngeemini zamandulo, uMoses nabantu bakhe, wathi, Uphi na lowo wabakhuphayo elwandle, umalusi womhlambi wakhe? Uphi yena owafaka umoya oyingcwele kuye?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bada ke bona bayikhumbula imihla yamandulo; leyo ke yimihla kaMosis nabantu bakhe. Bakhalaza ke ngoko bathi: “Uphi ke ngoku lowo wabawezayo elwandle, ekhokela umhlambi nomalusi wawo? Yaz'ba uphi na ke ngoku uNdikhoyo, yena wabambesa ngoMoya wakhe oyiNgcwele?