Isaiah 63:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kangela pantsi kwa sezulwini, ubone usekayeni lobungcwele bako nelenkazimlo yako: bupina ubukwele bako namandla ako, ukuxuxuzela kwombilini wako nenceba zako ngakum? zinyanzelekile na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bheka usemazulwini, ubone usengontsini yobungcwele bakho neyesihombo sakho. Buphi na ubukhwele bakho nobugorha bakho?Ukusika kwezibilini zakho neemfesane zakho zibambekile kum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Khangela usemazulwini, ubone ukuba usententeni yakho engcwele enobungangamsha; kungakanani na kum ukuzondelela kwakho, namandla akho, nesandi sezibilini zakho, neenceba zakho? babanjwe?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Usezulwini apho, *Ndikhoyo, khawuthob' amehlo; khawukrwaqule ukwelo khaya lesidima nobungcwele. Kodwa-kodwa ngani ukuba ungakhweleti? Khona ke aphi amandla akho? Iphi ke imfobe novelwano lwakho? Hayi kaloku, nceda sukusifulathela!