Isaiah 63:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kunganina. Yehova! ukuba usilahlekisile ezindleleni zako, nokuba uyenze lukuni intliziyo yetu, size singakwoyiki? Buya ngenxa yezicaka zako, izizwe zelifa lako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yini na ukuba usiyeke sidungudele, Yehova, simke ezindleleni zakho, uyiqaqadekise intliziyo yethu, singakoyiki wena? Buya, ngenxa yabakhonzi bakho, izizwe zelifa lakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yini na, Yehova, ukuba usilahlekise ezindleleni zakho, uyiqaqadekise intliziyo yethu, ukuze singakoyiki wena? Buya ngenxa yabakhonzi bakho, izizukulwana zelifa lakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Usiyekelani kodwa, siphambuke endleleni yakho, Ndikhoyo? Ngani ukuba usiyeke sinkanize kangaka, side siphelelwe ziintloni nakukukoyika? Buyela kuthi, thina zicaka zakho; sincede, thina zizwe zililifa lakho.