Isaiah 63:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Isincinezelo seveyine ndisixovulile ndedwa, nakubo abantu bekungeko namnye kunye nam; ndabaxovula ngengqumbo yam, ndabanyatela ngobuṙalaṙume bam; laza igazi labo lacapazelwa pezu kwengubo zam, nazo zonke izivato zam ndizidyobile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Isifaxangelo ndisixovule ndedwa; ezizweni akubangakho bani inam; ndazixovula ndinomsindo, ndazinyasha ndishushu; igazi lazo lachaphazela iingubo zam, ndasidyobha sonke isambatho sam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Isixovulelo ndisixovule ndedwa; kwakungekho nanye kwiintlanga ezazikunye nam; igazi lawo liya kutshizwa ezingubeni zam, ndizidyobhise zonke iingubo zam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo ke yena uthi: “Izizwe mna ndizixovule njengeediliya, kungekho namnye weza kundincedisa; ndazixangxatha ngeenyawo ndinomsindo, latsaza igazi lazo, landitsho ndankone.