Isaiah 63:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndakangela ke, koko bekungeko umncedi; ndati nqa ukuba bekungeko umsekeli: yaza eyam ingalo yandenzela usindiso, nobuṙalaṙume bam bona bandisekela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndabheka, akwabakho mncedi; ndamangaliswa ukuba kungabikho mxhasi; yandisindisela ke ingalo yam, nobushushu bam baba ngumxhasi wam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndahamba ke, akwabakho mncedi; kwaye ndamangaliswa ukuba kwakungekho bani ukuxhasayo; sandisindisa ke isandla sam; yaye usizi lwam, lwandixhasa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndaba ngathalaza, akwabikho undisizayo; ndamangaliseka kwakungabikho uxhasayo. Ngoko ke ndazizuzela uloyiso ngokwam; ewe, ndaxhaswa yingqumbo yam.