Isaiah 63:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ebesiti: Ngenyaniso bangabantu bam, usapo o lungayi kuxoka; ngako waba ngumsindisi wabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi okwenene, Bangabantu bam ke, oonyana abangayi kuxoka;waba ngumsindisi kubo ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba wathi, Bangabantu bam okwenyaniso, oonyana abangaxokiyo; ngoko ke waba nguMsindisi wabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, uNdikhoyo suka wathi: “Bona ngabantu bam ncakasana; lusapho lwam, soze bandiqhathe.” Ngoko ke suka yena wabahlangula.