Isaiah 63:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kubo bonke ubunzima babo wanobunzima yena, yaza ingelosi yobuso bake yabasindisa; ngotando lwake nangobubele bake wabakulula; wabafunqula, wabatwala yonke imihla yakudala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekubandezelekeni kwabo konke wabandezeleka, nesithunywa sobuso bakhe sabasindisa; ekubathandeni kwakhe nasekubacongeni kwakhe wayebakhulula ngokumisela yena, wabafunqula; wabathwala yonke imihla yasephakadeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuko konke ukubandezeleka kwabo babecinezelwe, yaza ingelosi yobuso bakhe yabasindisa; ngothando lwakhe nangenceba yakhe wabakhulula ngokumisela yena; wawathwala, wawathwala yonke imihla yamandulo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Embandezelweni yabo akachasananga nabo, basindiswa bubukho besithunywa sakhe. Ngenxa yothando novelwano yena wabakhulula; ewe, yena wabaphakamisa wabalondoloza, wahamba nabo ngayo yonke loo mihla yamandulo.