Isaiah 64:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uya kuzinyanzela pezu kwezi zinto na, Yehova? woba uti cwaka na, usibandezele kude kube kakulu na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uya kuzihamba na ngokwakho, zinjalonje ezo zinto, Yehova, uthi cwaka na, usicinezele na kuphele?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yehova, ngaba uya kuwukhumbula lo mbandela? ufuna ukuthula usicinezele kakhulu?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba azikushukumisi na ezi ziganeko, Ndikhoyo? Ngaba uza kuhlala nje ungachukumiseki? Naxa sekunje usazimisel' ukudl' imu? Hleze senzakale xa usohlwaya ngaphezu koku!