Isaiah 64:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuviwanga kwa napakade, akuqiqwanga yindlebe, akubonwanga liliso utixo ngapandle kwako, o wenzelela yena omlindayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kususela kwasephakadeni, abantu abevanga, abamamelanga, neliso alibonanga Thixo ingenguwe, omenzelayo lowo ulindele kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kususela kwasephakadeni, abantu abevanga, abamamelanga nangendlebe, ababonanga ngeliso uThixo, ingenguwe, izinto owazilungisela abo balindele kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwamandulo akukho bani wakha weva; kwakudala akakho owakha wambona nanini na uThixo onjengawe lo, obancedayo abantu abakholosa ngaye.