Isaiah 64:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uyakaulelana nalowo ugcobayo nowenza okulungileyo, abo bakukumbulayo ezindleleni zako: bona ke, wena uqumbile, ngokuba sonile; kodwa ngenxa yokuba zingunapakade, ngako siya kusindiswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umkhawulele onemihlali, enze ubulungisa, ekukukhumbuleni kwabo ezindleleni zakho. Yabona, wena ubunoburhalarhume, masibe ke singaboni; kudala sikwezo zinto; sosindiswa na ke?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Udibana nomntu onoyolo, esenza okusesikweni, Okukhumbulayo ezindleleni zakho; yabona, unomsindo; ngokuba soyisakele; umonde ukhona, yaye siya kusindiswa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku wena ubahlangabeza ngoncedo bonke abazinikezele ekwenzeni okulungileyo, abo ke bazikhumbulayo iindlela zakho. Sakuqhubela phambili sikuchasa wakhathazeka. Yaz'ba sohlangulwa kanjani na ke?