Isaiah 64:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo akuko namnye obizayo egameni lako, ozivusayo ukuba abambelele kuwe: ngokuba ubuso bako ubufihlile kuti, wasinyibilikisa ngezono zetu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akwabakho ulinqulayo igama lakho, uzixhoxhayo ukuba abambelele kuwe; ngokuba ubusithelisile ubuso bakho kuthi, wasinyibilikisa ngobugwenxa bethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akwabakho ulinqulayo igama lakho, uziphakamisayo ukuba abambelele kuwe; ngokuba ubusithelisile ubuso bakho kuthi, wasitshisa ngobugwenxa bethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku akusekho mntu ukunqulayo; ewe, akasekho obalekela kuwe. Kaloku wena ngoku usifulathele; usishiye ukuze siqwengwe zizono zethu.