Isaiah 65:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndonimisela iṙele, naniya kutoba pantsi nonke ekubulaweni; ngokokuba ndibizile, kanti anisabelanga; nditetile, kanti anipulapulanga; koko nibe nikwenza okubi emehlweni am, noko bendingakutandi nakuqasha.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndinimisele ikrele, niguqele ukusikwa nonke mpela, ngenxa enokuba ndanibizayo, anasabela; ndathetha, aneva; nesuka nenza okubi emehlweni am; nanyula endingakunanzileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke ndiya kunifundela ikrele, yaye niya kuqubuda nonke phambi kokubulawa; ngokuba ndakubizayo, anasabela; ndathetha, aneva; kodwa wenza okubi emehlweni am, wazikhethela into endingayithandiyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
nina nimiselwe ikrele; ewe, xa ninonke niya kutshatyalaliswa. Kaloku anisabelanga ndakunibiza, aniphulaphulanga naxa ndithetha; suka nakhetha ukwenza ububi ndaweni yokwenza oko ndikuthandayo.”