Isaiah 65:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, izicaka zam ziya kutya, kodwa nina niya kulamba; bona ke, izicaka zam ziya kusela, kodwa nina niya kunxanwa; bona ke, izicaka zam ziya kuvuya, kodwa nina niya kudana;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, abakhonzi bam baya kudla, ke nina niya kulamba; yabonani, abakhonzi bam baya kusela, ke nina niya kunxanwa; yabonani, abakhonzi bam baya kuvuya, ke nina niya kudana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, abakhonzi bam baya kudla, ke nina niya kulamba; yabonani, abakhonzi bam baya kusela, ke nina niya kunxanwa; yabonani, abakhonzi bam baya kuvuya, ke nina niya kudana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uMhlekazi uNdikhoyo uthi: “Izicaka zam zona zothi zisitya zihlutha, nibe ke nina nithe nca yindlala. Izicaka zam aziyi kuswela manzi, nibe ke nina nikhothekile lunxano. Zothi zona zichulumacha yimincili, nibe nina ninyoshoza ngamahlazo.