Isaiah 65:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
bona ke, izicaka zam ziya kucula ngokucwayita kwentliziyo, kodwa nina niya kukala ngobuhlungu bentliziyo; nangokwapuka kwomoya niya kulila.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabonani, abakhonzi bam baya kumemelela ngokuchwayitha kwentliziyo, ke nina niya kukhala ngumvandedwa wentliziyo, nibhomboloze kukwaphuka komoya wenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabonani, abakhonzi bam baya kumemelela ngokuchwayitha kwentliziyo, ke nina niya kulila nixheke umphefumlo, nilile nintlungu yomphefumlo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izicaka zam zomemelela zinemihlali, ukanti nina nobhomboloza yintlungu, nincwine nikhwiniswa yinkxwaleko.