Isaiah 65:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, bona ke, ndidala amazula amatsha, nomhlaba omtsha; izinto zapambili aziyi kukunjulwa, aziyi kungena nasentliziyweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba, niyabona, ndidala amazulu amatsha nehlabathi elitsha; angakhunjulwa awokuqala, angenyuki athi qatha entliziyweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba, niyabona, ndidala amazulu amatsha nehlabathi elitsha; angakhunjulwa awokuqala, angenyuki athi qatha entliziyweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo uthi: “Ewe, ndiza kudala amazulu amatsha, ngokunjalo nehlabathi elitsha. Ke yona indalo yamandulo iya kulityalwa ingabi sakhunjulwa.