Isaiah 65:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa gcobani, nivuyelele kude kube ngunapakade ngoko ndikudalayo: ngokuba, bona ke, ndidala i‐Yerusaleme umvuyelelo, nabantu bayo umgcobo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Hayi, yibani nemihlali, nigcobe nanini yiloo nto ndiyidalayo; ngokuba, yabonani, ndiyayidala iYerusalem ukuba igcobe, nabantu bayo ukuba babe nemihlali.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa yibani nemihlali nigcobe ngonaphakade ngenxa yoko ndikudalayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke vuyani niqakathe ngenxa yale ndalo yam intsha; iJerusalem ndoyitsho ibe liqhayiya, nabantu bayo bavelise uchulumacho.