Isaiah 65:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akusayi kubuya kubeko kona usana lwemihla emincinane, nexego elingazalisanga imihla yalo; ngokuba umfana eya kufa engominyaka ilikulu, nomoni ominyaka ilikulu woqalekiswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akuyi kuba savela khona usana oluneentsuku, nexhego elingayizalisanga imihla yalo; kuba umfana uya kufa engominyaka ilikhulu ezelwe, atshabhiswe umoni engominyaka ilikhulu ezelwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akuyi kuba savela usana, nexhego elingayigqibanga imihla yalo; ngokuba inkwenkwe iya kufa ikwiminyaka elikhulu; ke yena umoni iminyaka elikhulu uya kuqalekiswa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nokufa kweentsana kuya kunqamka; abantu bokhula bade bakhokhobe. Umntu ofe enekhulu leminyaka uya kunconywa ngokuf' emncinci; kanti ke ongafikelelanga ekhulwini yena kothiwa wambethwe lishwangusha.