Isaiah 65:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abayi kwaka, kuhlalwe ngomnye; abayi kutyala, kutyiwe ngomnye: ngokuba njengemihla yomti yoba njalo imihla yabantu bam; nomsebenzi wezandla zabo bowudla kade abaqashwa bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abayi kwakha, kuhlale bambi; abayi kutyala, kudle bambi;kuba iya kuba njengemihla yomthi imihla yabantu bam, badle into esetyenzwe zizandla zabo abanyulwa bam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abayi kwakha bakha bambi; abayi kutyala mntu wumbi, badle kuwo; kuba iya kuba njengemihla yomthi imihla yabantu bam, badle into esetyenzwe zizandla zabo abanyulwa bam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Imizi abayakhayo ayiyi kumiwa ngabanye, nezinto abazilimileyo zingaxhatshazwa ngabanye. Kwanjengobude bobomi bemithi yoba njalo nemihla yabantu bam; ewe, abanyulwa bam baya kuwuxhamla ngenene umsebenzi wezandla zabo.