Isaiah 65:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abayi kufumana bezama, kanjalo abayi kuzalela imbujiswa ebaqayo; ngokuba beyinzalo yabatanyusanqelweyo nguyehova, nabantwana babo kunye nabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abayi kuzixhamla ngokulambathayo, bazalele ukhwankqiso;ngokuba bayimbewu ayisikeleleyo uYehova, nabaphume ezibilinini zabo banabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abayi kukukhonza ilize, abayi kuzalela ukhwankqiso; kuba bayinzala yabasikelelweyo bakaYehova, nenzala yabo iya kuba kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bona abasayi kusebenzela ilize, bengasayi kuzalela isithwakumbe; koko boba ngabantu abathamsanqelweyo nguNdikhoyo, ngokunjalo nezizukulwana zabo.