Isaiah 65:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Incu̔ka nemvana ziya kudlela ndawonye, nengonyama iya kutya inca njengenkabi; kodwa inyoka, utuli lwoba kukudla kwayo; aziyi kwenzakalisa, aziyi kutshabalalisa kanjalo, kuyo yonke intaba yam eyingcwele, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kudla ndawonye ingcuka nemvana, ingonyama idle umququ njengenkomo; inyoka, sibe luthuli isonka sayo. Aziyi kwenza bubi, zonakalise, kuyo yonke intaba yam engcwele; utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kudla ndawonye ingcuka nemvana, ingonyama idle utyani njengenkomo, nothuli lube kukudla kwenyoka; Aziyi kwenzakalisa okanye zonakalise yonke intaba yam engcwele, utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ingcuka netakane ziya kutya ndawonye, ingonyama igramze ingca njengenkomo, yona inyoka itye uthuli. Inene akusayi kubakho owonayo notshabalalisayo eZiyon intaba yam eyodwa.” Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.