Isaiah 65:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Njengokuya iveyine entsha ifunyanwa esipeni sedreyive, kutiwa: Ungasitshabalalisi, ngokuba kuko itamsanqa kuso; ndiya kwenje njalo ngenxa yezicaka zam, ukuba ndingabatshabalalisi bonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Njengokuba incindi ifunyanwa esihlokweni, athi umntu, Musa ukusonakalisa, ngokuba kukho intsikelelo kuso; ndiya kwenjenjalo ngenxa yabakhonzi bam, ukuze ndingonakalisi into yonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Njengokuba bufunyanwa ubulembu ngexesha elililo, athi umntu, Musa ukonakalisa; kuba ithamsanqa likuyo; Ndiya kwenjenjalo ngenxa yabakhonzi bam, ukuze ndingonakalisi bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo uyathetha, uthi: “Idiliya entle ayitshatyalaliswa kunye naleyo yonakeleyo, koko ngayo kwenziwa iwayini. Nam ke ngenxa yazo izicaka zam andiyi kubatshabalalisa bonke.