Isaiah 65:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndovelisa kwa‐Yakobi inzalo, nakwa‐Juda indlalifa zentaba zam; abaqashwa bam bolidla ilifa lalo, nezicaka zam ziya kuhlala kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kuvelisa imbewu kaYakobi, indlalifa yentaba yam kwaYuda, balidle ilifa abanyulwa bam, bahlale khona abakhonzi bam;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuvelisa imbewu kaYakobi, indlalifa yentaba yam kwaYuda; balidle ilifa abanyulwa bam, bahlale khona abakhonzi bam;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndosuka ndimvelisele inzala uYakobi; abakwaJuda baya kuma kwilizwe lam, iintaba zalo zibe lilifa labanyulwa bam – ziya kuma kuzo izicaka zam.