Isaiah 66:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, bona ke, uyehova eya kuza ngomlilo, nenqwelo zake njengesaqwiti; ukubuyisa ingqumbo yake ngobuṙalaṙume, nentetiso yake ngamalangatye omlilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba, yabonani, uYehova uya kuza ngomlilo, zinjengesaqhwithi iinqwelo zakhe zokulwa, ukuze abuyekeze umsindo wakhe ngobushushu, nokukhalima kwakhe ngamalangatye omlilo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba, yabonani, uYehova uya kuza ngomlilo, zinjengesaqhwithi iinqwelo zakhe zokulwa, ukuze anyamezele ubushushu bakhe ngomsindo, nokukhalima kwakhe ngesithombo somlilo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nanko uNdikhoyo esiza, edangazela njengomlilo; iinqwelo zakhe zilatyuza njengesaqhwithi. Umsindo wakhe uza kwenza iziqwenga, akhalime ngamalangatye omlilo.