Isaiah 66:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abo bazenza ngcwele, abazihlambululayo emiyezweni emva kwomnye, pakati kwabo abadlayo inyama yehangu, nento eyintshontsho, nempuku; boti tshabalala kwa kunye, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abo bazingcwalisayo, bazihlambululele imiyezo, bexelisa omnye ongaphakathi, badle inyama yehagu, nento enezothe, nempuku, baya kuphela kunye; utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abo bazingcwalisayo, bazihlambululele imiyezo, emva komthi ophakathi, badle inyama yehagu, nezinto ezinezothe, neempuku, baya kutshabalala kunye; utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo uthi: “Abo bazikhethayo bazihlambulule, abo benze imingcelele emiyezweni, abatya oozinyama zeehagu, iimpuku, nazo zonke izidlo ezingàtyiwayo ngabantu bam, baya kufa kunye.